Ubomi bunzima

Ubomi bunzima ungaze ulilahle ithemba.

11/04/2024

CHAPTER 4

( UMr YANGAPHI uthatha uAndile umsa ko Nontlalo njengoko eyalelwe njalo ngu Mnumzana MASHALABA )

MR YANGAPHI: Andile mfowam ndikusa ko nontlalo ngoku ukuze ndinikwe imvume yokuba ndikuse esikolweni ; noko kuzawubalula nokwenza izinto ezinjenge Birth certificate.
ANDILE : kulungile Bhuti , enkosi kakhulu ngokuzidina kwakho kwande apho uthatha khona.
MR YANGAPHI: hayi mfowam noko ubunzima okubo ndiyabazi intlungu yokungabina bazali ndiyazela k*m kwaye ayonto endiyinqwenelela mntu.
ANDILE : liyinene elithi " inkungu ilala kwintaba ngentaba "
MR YANGAPHI: kunjalo mfowam ubomi buyakwazi ukufaka ezintweni ubungacingelanga ukuba ungakuzo .
ANDILE : kunjalo nyani bhuti

( UMR YANGAPHI no SANDILE bayafika ko Nontlalo )

MR YANGAPHI: ungoyiki ke ntwana akho mibuzo izobuzwa pha zintwana zam eziya asizohlala nohlala sophuma ngoku .
ANDILE : ndiyawukwenjenjalo Bhuti .
Mr YANGAPHI: masingene ke mfowam

( baxhawulane bangene ngaphakathi, bafike kukho u MR PHILLIP , MR NGXANGANE ; MRS MABOI ; MRS LEONE abangonontlalo bale ndawo abakwazizo ne tshom zakhe )

MR YANGAPHI: Knock!knock !
MR PHILLIP : ngaphakathi ; namkelekile bantakwethu ningathatha into zohlala
MR YANGAPHI: enkosi kakhulu ( bechopha)
MR PHILLIP : masive ukuphila ; kunjani ngempilo?
MR YANGAPHI : ndiyaphila mntakwethu akukhonto imbi noko , kunjani kuwe ?
MR PHILLIP : ndiyaphila nam Bhuti
MR NGXANGA : khawuzazise mkhuluwa ingathi kanti sizobanjwa inkunzi apha ( ehleka 🤣)
MR YANGAPHI : hayi fondini noko asiqalu dibana sundintlonta ndoda ; ndize malunga nalentwana andizuthetha kakhulu akhonto ningayaziyo .
MRS LEONE : unjalo kewena ngalamaqhinga wakho awuzuphinde uvulelwe kula gate .
MR YANGAPHI: sisuka kude bafondini besikhula sonke ningazondigezela apha .
MRS MABOI : tshiin lobhuti asithethi lonto apha
MR YANGAPHI: hayi nomdade khawubhale iphepha ndifuna iye sikolweni lentwana .
MRS MABOI : kulungile yey uyasokolisa bhuti ( embhalela iphepha )

09/04/2024

( uMr YANGAPHI udumisa imoto yakhe ngentseni elandelayo uyokufunela u ANDILE iskolo eKAMVALETHU PRIMARY SCHOOL)

MR YANGAPHI: ( ezithethela nje yedwa ngekungcono ke uba ayizondisokolisa lentwana , efika)

MR MASHALABA : good morning sir , how are you doing today?
MR YANGAPHI : I'm good and you?
MR MASHALABA: i'm doing good .
MR YANGAPHI : yeah
MR MASHALABA: i'm Mr MASHALABA the principal of this school , how can I help you?
MR YANGAPHI: mandigawule ndiwarhuqa mhlekazi apha ndize ngodaba lenkwenkwana endiyifunela isikolo, mandixolise ukuba ndize ngelixesha nam ndibone imeko elusizi ekuyo
MR MASHALABA: ingaba uneminyaka emingaphi umfana lo
MR YANGAPHI : ingaba ndiyaxoka mntakwethu kodwa iminyaka yakhe ayinokuba idlule pha kwishumi elinesithathu
MR MASHALABA: andikuva mfo wakwa YANGAPHI wena udibene njani kanti nalomntwana
MR YANGAPHI: ndimphathelwe ngomnye wezisebenzi zam esithi umchola apha edolophini bathe ngokuthethana ke uShakes wamthatha wamsa k*m kuba efuna ndimnike umsebenzi ntenayo ndithe ndak*mjonga ndafika usizi lubhalwe emehlweni khange ndikwazi nokuzibamba zehla inyembezi ndagqiba kwelokuba ndimfunele isikolo .
MR MASHALABA: baphi abazali balo mntwana .
MR YANGAPHI : uthi basweleka engaphantsi kweminyaka elishumi ubuncinane
MR MASHALABA: kuyevakala ndoda kodwa ke kuzawufuneka uqale ko Nontlalo bakukhuphelele ngokwabo uyawuthi ke xawugqibile uthetha nabo uze nephepha elitshoyo k*m simthathe simngenise esikolweni ngokuse mthethweni
MR YANGAPHI: hayi kulungile Mr ndiyabulela kakhulu ngexesha lakho ndiyawukwenza njalo. ( baxhawulane njengamadoda bawuvala umkhusane, uMR YANGAPHI ubuyela kwakhe )

MR YANGAPHI: eyy shakes mfondini ingathi kuzawubanzima
SHAKES : hayi mfondini kanjan ngoku ?
MR YANGAPHI: izawuhambisa lento yalentwana jonga kuzawufuneka ndiye kwa ntsasane ngoku.
SHAKES : hayi fondini hamba noko awuhambi nganyawo uya ngemoto sufuna sibe sithetha.
MR YANGAPHI: mandileqe uphi yena u ANDILE ?
SHAKES :ukhona

05/04/2024

LISAQHUBEKA

MR YANGAPHI: ubonakala ngenge tyendyana lomfana elinekamva eliqhakazileyo khawundityebisele ngobomi bakho mfowam .
ANDILE : igama lam ndingu ANDILE ndashiywa ngabazali bam ndineminyaka nje engaphantsi kweli shumi ; ndizalelwa kwilali yase LANGENI andizalwa ndedwa ndinalo iwele .. kuthe ngenxa yehambonzima kuba abazali bam bengasekho sahamba sayo kuhlala komnye omzi kulo mzi besekukho umakhulu yedwa abantu bakhona balandulela eli waze wasithatha sahlala naye kodwa khange kubezinyanga ezingaphi naye wasweleka kuye kwanzima kakhulu emva koko ubomi buye bajika bayincindi yekhala siye sahamba sayokuhlala komnye umama ebesazana nomama wethu nalapho akukhange kubemnandi siye sagqiba kwelokuba sizobhaca apha edolophini no mntakwethu ( elila )
MR YANGAPHI : ( ezibambile kodwa emyile amazwi ka ANDILE ) kulungile mntanam ngoku ufikile apho ubukade usiya , siphila kwilizwe elimagad'ahlabayo kengoku uphi yena uzakwenu lo ?
ANDILE : utsho u SANDILE ke Mnumzana
MR YANGAPHI: ewe nditsho yena USANDILE iwele eli lakho
ANDILE : andingetsho ukuba ndiyamazi kuba naye ukhangela isitya ebumnyameni qha inkungu imhleli , naye ukwalapha edolophini
MR YANGAPHI: oww thixo ! kulungile ANDILE ndizakuthatha ndikuse esikolweni kuba uselula for umsebenzi noko ndingabethwa nangu thixo xandinokufaka emsebenzin umncinci ngoluhlobo
ANDILE : enkosi kakhulu , ndiyabulela ngokungazenzisiyo ( ekhala)

( kungena ushakes uphethe into esiwa ngasethunjini)

Shakes : sulila ntwana yam bamba naku ukutya uke use ngasethunjini noko lide elithuba sifikile apha ; indoda ayikhali mfowam ingala iyahlola .
ANDILE : hayi kulungile enkosi ingathi ndingambona uSANDILE lide noko ithuba ndingamboni umntan'exhego hazuba ulala etye nton na .
SHAKES : sizak*mkhangela mfowam ungabinaxhala naye sizawuza naye ephila .
ANDILE : uyandithembisa?
SHAKES: ndithembe ndisi Sithole sika Ndaba mna , UBHADELA ( ezigqabaza ) .
ANDILE : ( encumile ) makubenjalo ke BHADELA .
SHAKES : ndithembe .

05/10/2023

ndizibonile messages zenu kwi inbox zithandwa qha andzokwazi uniphendula nonke , I'm a matriculant so I'm busy preparing for my final examination so ndizobane ndibhala xandifumene chance , thank you ndiyanithanda.❤️

13/07/2023

liyaqhubeka

Sandile : haybo Andile broo awundibekelanga nyan na ?
Andile: Sandile suqhunyelwa k*m broo ndiyakucela ucinga ukutya ndikuthathaphi mna.
Sandile: haybo thethuba oko ndimkile khange utye nawena cos ayikho lento undixelela yona
Andile: yazi Sandile andifun xabana nawe khondiyeke ndilale .
Sandile: yhoo okay akhowei mayilale i broo( elala naye uSandile) .
Andile: ethandaza( Bawo wethu olungileyo , ndim umntanakho uAndile ndicela ubonise umntakwethu indlela , mvule amehlo suk*myeka awele emgibeni endingasoze ndikwazi uk*mkhulula kuwo kwaye makuthethe wena ezindlebeni zakhe mhlangule kwindlela zakhe zobumnyama amen).
Andile : Sandile usuke wandibhida yazi ngk yinton ekuthethisa wedwa ezinzulwin zobusuku?
Sandile: khawulale Andile ndiyeke ndithethe.
Andile :yhoo okay ( bayalala bobabini uAndile uyavuka ekuseni wenza njengesiqhelo uya kubangani bakhe) .
Sandile: uyazi kentana mna andizungalali ndilinde wena mna.
Andile: sure
Sandile : make ndihambe ndiyozama nobayi job ngoba into yotya emigqomeni ayizundinceda ( ephuma ehamba ethetha yedwa) .
Sandile: yhoo ndizawuqeshwa nguban ndimdaka ndinje? khona xa ndingafuni msebenzi ndizawutya emigqomeni kude kubenini ngoba uSandile naye uphumile endleleni .

( uthe esahamba njalo wadibana no bhuti Shakes ophangela kwenye i company elungisa iimoto ) .

Shakes: molo mntanam , kunjani?
Andile: molo bhuti, ndiyaphila ntenayo ndikhangela umsebenzi .
Shakes: haybo umncinci kangaka , khona ngumsebenzi mni lo umkhangelayo?
Andile: bhuti ndifuna nokuba ngowuphi na umsebenzi .
Shakes: nokuba ngowok*mosha uyawufuna?
Andile : hayi bhuti banele ubuhlungu endibuvayo andifunu kuphilisa abanye abantu kabuhlungu.
Shakes: emangalisekile, bendicinga ukuba nawe ufana namanye walamakhwenkwe endiwabona egcwele kule dolophu undimangazile .
Andile: inkangeleko yam ngokwesinxibo ifana neyabo ubungenondohlula Kubo.
Shakes : khwela apha emotweni ikhona indawo eqeshisayo , ubonakala unekamva eliqaqambileyo mntanam.
Andile: ikamva lam latshabalala mhla ndabona ibhokisi ka mama no Tata igqunywa ngomhlaba k*mhla ndabona ukuba ubomi buphelile k*m ngoku .
Shakes: ( eburhaxeka emoyeni) hayibo mntanam uhleli apha nje awunabazali?
Andile: ewe ndihlala newele lam nalo elithe phithi zizinto zelizwe ngoku.
Shakes :hayi apho siyakhona uzawufumana umsebenzi , umnqweno wakho yintoni apha ebomini?
Andile: kukuba ndiye eskolweni nam ndifane nabanye abantwana ndivuse ikhaya lam ( elila) .
Shakes: thula musa ukukhala zizinto zobomi ezi udlula kuzo , yonke into oyifunayo izakwenzeka sula ezonyembezi.
Andile: ndibuhlungu ngaphakathi , umphefumlo wam uxhelekile , ndonakele, ndinenzondo .
Shakes: yonke into inexesha layo yazi lonto.
( bahambe bade bafike kule company, nantsi ke lendawo bendiyixela masohlike ).

uShakes udibana no mphathi walendawo u Mnumzana Yangaphi.

Shakes :molo kwakhona mfoka Yangaphi
Mr yangaphi: molo Shakes , wahamba nomntana kwenzekentoni?
Shakes : Mfoka Yangaphi lo ngu Andile Gqabi obonakala njengomntana onekamva eliqaqambileyo, ndimzise apha ngenjongo zoba umqashe okanye simfunele isikolo ukuze aqale phantsi kwizifundo zakhe kuba ubonakala eselula yena.
Mr yangaphi: wamkelekile mntanam ( egwantyile uMnumzana Yangaphi ebona usizi lubhaliwe ku Andile nangona ekambuzi kwanto ngobomi bakhe).

13/07/2023

Chapter 3

( baye bahamba ke bebuyela endlini yabo kodwa uAndile uqaphele ukuba ikhona lento iku mkhuluwa wakhe epokothini qha ebengayazi ukuba yintoni)

Andile: haybo Sandile yintoni le uyifake epokothweni?
Sandile: haybo epokothweni? hayi marn liphepha nje kwaye uncedile ulibone sendilibele noba ndinento ( uSandile wayethathe esasiyobisi ebesibone kwiphepha lakwa masipala , ipilisi) .
Andile: ohh hayi kulungile
Sandile : masikhawuleze kuhlwile .
Andile: hayi sesifikile noko.(bengena endlini)
Sandile :inokuba sizolayita ngantoni ngoba asinalo ne khandlela eli.
Andile: masitye ngoku kungekabikho mnyana kakhulu silale .
Sandile: okay ( batya ke nyani baze balala, kodwa yena uSandile wayengalelanga nyan waye wavuka wathatha ipilisi yakhe watshaya nto leyo angazange wayenza ebomini bakhe bonke, wayecinga ukuba xa etshaya esi siyobisi zonke ingcinga anazo ziyakuphela akazuphinde acinge ngentlupheko abakuyo yena nomntana kanina u Andile kwaye wayecinga yonke into le engayazi ukuba uzirhintyela ngomnatha angasoze akwazi ukuphuma kuwo).

Andile: evuka, haybo yintoni le inukayo apha kulendlu ingaqhelekanga ( uthe xa ejonga u Sandile wafika elele enuka ipilisi phuqu) hayi marn ayifani no Sandile lento ingaba kwenzeka ntoni ? wayezibuza imibuzo eminintsi.

(Sandile wavuka nje waphuma ngomnyango esiyokukhangela ogxaa bakhe ).

Andile : uyaphi Sandile?
Sandile: hey yintoni ngxaki yakho nawena Andile na ? ubuzwa ngubani wena kancane fethu( wayengasaziva ngk , wayengathi uqhutywa yinto).
Andile: angenile amanzi endlini kwaye amanzi xa echithekile akacholwa.( ekhala)
Sandile: jonga mei tar ndzojikela marn soon yabo ( wema wamjomga waphuma ).
Andile: mama uphi xakunje nawe tata? ingaba ngumthwalo enindithwalisa wona lo kulungile ndizawunyamezela nokuba unzima kangakanani.

( uSandile uyakogxaa bakhe abangasoze bamakhe , u Chillas , Zakes , Senzo uyafika uyabulisa) .

Sandile: eksee gents , zinjani broos?
Chillas: aybo huzett na majita , Sandie fethu nguwe lo?
Sandile: ewe hayi majita khanindifake klk apha kwi skeem.
Zakes:hayi njayam pholas sisonke .
Senzo : iphi kengoku lewei yakowenu ingu Andile?
Sandile: hayi marn niyayazi yi bharuu la awtiie lawei.
Chillas : hayi yi moffie nyani la ntwana kodwa xa kukho wena jonga boy izinto ziqondile .
Sandile:nakanjani sarn..( baye batshaya ke wabuyela kowabo u Sandile ) .

Sandile: khawuvule njayam marn ndim tar Said.
Andile: mna andazi tar Said ndazi uSandile.
Sandile: yintoni na mfe2 khawuvule sarn hee ndiqhawke lawei .
Andile: jonga ntanga andizuyimela lento yakho uyenzayo ( emvulela ) .
Sandile: utheni ngathi yalila na? hayi sarn oko ubulila ngokuya bendihamba hayi ungu mfazi wena , khawenze ngokutya bafo.
Andile : ufanele utsho ndingumfazi wakho.

13/07/2023

( uthe esahamba lomama njalo wasuka wena etyiwa ngamagama athethwe ngu Sandile ngelaxesha ebemcela imali , wajika eyokufuna bona kuba lalimyile 💔 udibene no mamlungu kunye no mangcitshane abathengisi bale dolophulu
mama: molweni , khange nibone bantwana babini apha abangama khwenkwe?
mangcitshane : wasuka wathula emthe ntsho ngamehlo athethayo agcwele zinyembezi.
mama : ndiyabuza wasuke wandithi bhunqu ngamehlo mfazindini.
mangcitshane: liyinene elithi umntu ungaze umthembe yini ingathi awuzelanga.
mama: ngenditheni ngendiyeke ingxaki zam?
mamlungu: kodwa ubungasoze ungatyiwa yinimba xa ungunozala, ingomso awulazi mhlawumbi nabakho abantwana bayoze bafane naba.
mama: enyanisweni lindiyile bafazi nigalele kwaye nam ndiyazibona ukuba ndiphazamile ( ebonakala ebudak*mba)

(uAndile no Sandile baye bahamba bayokuzihlalela kwindawo yabo emva kwentetho yalo mama benxunguphele)

Andile: ingaba uthixo lo ukhetha abantu abanjani?
Sandile: uthixo akukho namnye umntu amkhethayo nto nje kushiyana amaxesha wethu wokuphumelela, ebengasoze asiphumelelise sonke ngexesha elinye musa uk*mbeka ibala undikhoyo.
Andile: wathetha ndavakalelwa mntan'exhego yangathi lamazwi akaphumi mntaneni inoba phofu ufuze ubawo uZwelimangele ngobuciko obu.

( behleka bobabini ngelixesha bahlekayo bahleli kwi tyotyombana ewungasoze utsho ukuba lihlala abantu abazakhele lona ukuze bafihle intloko zabo)

Sandile: kwaye kuthiwa wayeliciko ke umzukulwana ka gqabi.
Andile: kwasuke kwafika ukufa kwamthatha umfo wasemzini kunye ne ntyantyambo yakhe bengasikhulisanga (esitsholo phantsi edak*mbile).
Sandile : ukufa kona akuqheleki kufika emzini womntu njengesela lutshabalalise kangakoko, liyinene elithi ukufa akunasizi.
Andile: inokuba bona basacinga ngathi?
Sandile: ewe kwaye inokuba intliziyo zabo zixhelekile silapha nje.
Andile: ohh , bunzima ubomi masihambe siyokufuna into etyiwayo ( bephuma)
Sandile:sizakuqala ngaphi na masiye kula plastic yakwa masipala mhlawumbi singafumana into.
Andile: masikhawuleze ngoba ilanga nalo ingathi liyatshona , ( bafike bayalula ke bafumana nje isonkana )
Sandile:inokuba sizawusitya ngantoni esisonka?
Andile: hayi nam andiyazi mfondini khawuphinde ujongisise apho ( uSandile ubone enye yeziyobisi ezitshaywa ngogxaa bakhe)
Sandile:hayi andifumani nto mna apha masihambe kuhlwile.

15/03/2023

lisaqhubeka.

Andile: ndingu andile, eli liwele lam uSandile .
street kid: ohh sure so ufuna nton apha , senditsho asifun bantu apha and fe2 akukho grand uhlala estratweni but thina sanyamezela coz asinayo enyi ndlela.
Sandile: (echiphiza inyembezi) mfe2 nathi ayizonjongo zethu ezi zoba masihlale estratweni but asinayo enyi option , endaweni yoba uhlale emagadeni ahlabayo kubhetele uhambe uyobhaca .
street kid: kulungile bro yazi ngamanye amaxesha ndike ndizibuze uba lothixo kuthiwa ukhona uphi xakunje?😭
Andile: uthixo unabantu bakhe inoba thina sidalelwe ukungcungcutheka unaphakade .
street kid: majita masihambeni siyozama into yokutya kuyahlwa ngoku ..

( igama lesi street kid ngu Makabongwe).

Andile: siza kuqala ngaphi?
Sandile: masihambe mfondini sizawubona phambili .
Makabongwe : madoda mna ndizohamba kweyam indlela nani nihambe ngeyenu .
Andile: hayibo asizuhamba sonke kanti?
Makabongwe : hayi asizuhamba sonke mna kukho abantu endihamba nabo kwaye uba bakhe banibona bazonenza izicaka zabo.
Sandile: kulungile( bahamba)
Andile: masambe boi yakuthi.

( bathe besahamba njalo badibana nomntu ongu mama )

Andile: molo mama.
mama: ewe
Andile: bendicela undiphe noba yi R5 mama ndihambile😭
mama: kemna andizelanga bantwana abashiye amakhaya abo apha kule dolophu khawujike emvakwam futseek
Andile: yhoooo inene abanye omama abayazi intlupheko ketana ukuba yinkedama akuthengwa , uhambe kakuhle mama ngoba wena soze uxakeke.

16/02/2023

chapter 2

Sandile: akwaba ndandazile ngendase ndakhetha uyohlala estratweni apho inkedama ezifana nathi zihlala khona
Maka Ak: thathani zonke izinto zenu niphume apha kwam andinidingi .
Andile: kulungile siyahamba kakade eli ibengelo khaya kuthi , ndikunqwenelela yonke into entle ebomini usale kakuhle
Sandile: nam ndikunqwenelela okuhle kunye nabantwana bakho
Maka Ak: ( wayengabahoyanga nangona babethetha nje wasuke wathatha impahla zabo wazijula ngapha kwa masango omzi wakhe) ndithe kuni hambani ngoku.
Akhanani : yhuuu kuzawutsho kungene umoya apha ekhaya amaxelegu ayahamba
Masonele: yitsh'uphinda ntombi yhooo indlela ebebendidike ngayo ingathi kuyaxokwa
Mama wabo: hayi akuxokwa zintsana zam klk xa ulilungisa usoloko ubulelwa nge sakhohlela

( u Sandile no Andile bathe bese sendleni eya edolophini kwanetha imvulakazi enkulu)

Sandile: hazuba sizawulala phi kuba sisekude edolophini
Andile: lonto ngekungcono uba bekunethe le ingamanzi imvula
Sandile : masihlale apha phantsi sizimase kuba imvula enkulu iyahlonitshwa ( bachopha candikwendlela )
Sandile: masihlale nyani mhlawumbi iza kugqitha lemvula
Andile: ewe masilinde

( imibane ye mvula yayilanyaza candikwabo izulu ligqekreza babeyeke nokoyika ngoku )

Sandile: ( ethandaza) thixo wethu olungileyo, wena ungundikhoyo ndiyayazi ukuba awusoze wasiyekela nanini na 😭 nanamhlanje sisathembele ngawe
Andile: Amen ( bondlala impahla zabo balala kuba kwakuse kuhlwile)

Sandile: masilale mntakwethu inde indlela esiza kuyihamba ngomso( balala)

ngentseni elandelayo

Sandile: vuka Andile siyokuhlamba ubuso kula mfula sihambe
Andile: yoh sekusile na.. ( evuka baye bahamba bayokuhlamba ubuso baze baqhubeleka nendlela )
Sandile: kanene kukho imali ebesiyishiyile kule besiyinikwa ngu makhulu
Andile: ewe yeyi besendiyilibele ngoku masidlule apha evenkileni sithenge into etyiwayo.
Sandile: hayi sizawuthenga ngaphambili masibe sichuza ngoku ( bade bafika edolophini)

street kid: haybo huzet ngoku ziwei zaphi ezi

15/02/2023

Andile: ( bengena eyadini kowabo) sicela uxolo mama
maka Ak: nicela uxolo huh? jongani ndanithatha nidinga indawo yokuhlala ndanizisa apha emzini wam ngoku nenza unothanda ndisonenza abantu
Sandile : besiyozama into yokutya mama noko ngewungadanga wathetha oluhlobo
Maka Ak: ohh nifuna ibengathi anityi apha kwam , nifuna undijongisa ngoku apha ekuhlalen ?
Andile: hayi asikujongisi sicela uxolo soze siphinde
Maka Ak : yeyi zange ndazibona inkedama ezingoneli ngoluhlobo
Sandile: ( ekhala) bandishiya abazali bam ndiyavuma , lento iyinkedama kuthiwa ayoneli ndiyayazi lonto 💔 hazuba umama wazalwa nabantu abanjani ngokuba ukuba sasihoyekile ngesingekho apha
Andile: inene uba ubomi bunje mandiyiyeke inqawe izicimele

09/02/2023

Sandile: sekuhlwile nje Andile sizakuyaphi?
Andile: asizuxakwa khawuleza sihambe kungoba xa siye sahlala sizawutya nton ( wagquzuka wakhala)
Sandile: thula mntaka mama sukukhala umama mhlawumbi uyasibona owwww bendingayazi ukuba ubomi bunzima ngoluhlobo 😭
Andile: kusemhlaben apha Sandile

(baye bazimela bahamba beyokufuna into eya ngasethunjin ngakwenye ivenkile)

Sandile: masingene apha kule venkile sicele ukutya ndiyaphelelwa
ngoku.
Andile: ( bengena bafike kukho umakhulu owayechophile apho kulo venkile ) .. molweni makhulu, wavuma lo makhulu wababuza imvelaphi bachaza .. babenxibe impahla zabo ezazidlakadlaka ngokungathi bebetyiwa zizinja 😭
Makhulu: owww bantwana bam yini ukuba ndibone usizi olunje kengoku nizokuthin aphaa ?
Andile: sihambe sicela into yokutya makhulu silambile khange sitye oko kusile.
Makhulu: inene uhamba kubona ( ekhala) .. inani nantsi imali ekhupha i R5 0 nithenge into etyiwayo mna ndihlala pha pheshiya komfula zenithi xa nisiva uba indlala inifumene niwelele ngak*m
Sandile: kulungile makhulu siyabulela kakhulu ( bathenga isonka kunye ne drink baze enye imali bayibekela ungomso )

Sandile: oww ndatsho ndabona mntase
Andile: ohh nak*m kungokunjalo yazi ndithe ndisokubona la makhulu kwathi qatha umama k*m yangathi nguye lo uchophileyo phayana
Sandile: liyinene mntakwethu elithi , inyama yalowo ungasekhoyo iseno kusithela kodwa umoya wakhe wona uyaksoloko ukhona .
Andile : masihambe ngomso kufuneka siye nase skolweni sagqibela kudala kwaye besincedakala pha kwicala lokutya.
Sandile: unyanisile masixhabashele ntoka jola sizawufika sesingxoliswa phaa ( behamba).

umama ka Ak: heee hayi inoba ndiyalingwa baphi aba..
Akhanan: hayi bebelapha phandle inoba bayephi?
maka ak: abandazi aba yikhani iminqayi phaya bazawundazi ufika kwabo andenziwa njalo mna .

09/02/2023

i'm back.

Address

Elliotdale

Opening Hours

09:00 - 17:00

Website

Alerts

Be the first to know and let us send you an email when Ubomi bunzima posts news and promotions. Your email address will not be used for any other purpose, and you can unsubscribe at any time.

Share