19/11/2020
Season 1
Episode 1
Kusemva kwemini ilanga limi ngonina. Ebukhosini kuthulekile akho'bantu baphithizelayo benzanxolo. Kukho mna noNkosazana usister wam kuphela but naye ke uzibukelele iTV. Ndethuswe lilizwi endingaliqhelanga lithetha phezu'kwam
Him: Hello
Me : Hi
Him: kunjani bhuti?
Me:Kuyaphileka bafo. Kunjani kuwe?
Him: I'm good thanks....... Ingaba inkosi?
Me: No akekho bafo usaye kwinhlanganiso yamakhosi omthonyama
Him: ohh!! Bendiba ndakufika ikhona but I will come again later.
Me: Akuvumelekanga mntu apha xa sekuhlwile. Kodwa ke ungawushiya umyalezo ndakuwudlulisa nkuGwebizizwe.
Him:Ndizakuthi ndiwushiye kubani ke umyalezo?
Me: (ndizifihla) Kwisigijimi salapha ekhaya uSiya igama
Him: wabukeka uselula kakhulu for ukubasisigijimi sasebhukhosini. Kwane sinxibo sakho asisho tuu ukuba isisithunywa senkosi.
Me: ( Ndihleka ndinoncumo) Kanti zibanjani izigijimi zeNkosi?
Him:Andinalwazi ngobukhosi kodwa andithembi ukuba zibanje ngawe.
Me:(ndimjongile) Vumake ukuba ndisisigijimi apha ekha.
Him:Kulungile ke mfowethu. Mandihambe inoba umadala kudala endijonga Sale kakuhle
Eyophuma egey'thini ehamba
Me:( Ndikwaza ) xolo bafo ndizothi bekufike bani xa kufika umhlekazi?
Him:( Ekwaza) ndingu Zusithwale...
Washo seyehamba ndasuke ndancuma ndedwa ndayongena endlini...
UVALWE UMKHUSANI..